Please wait, loading...

 

USODOLOPHU WOMASIPALA UMZIMVUBU UNIKEZELE NGOKUSESIKWENI NGEHOLO YOLUNTU EMANGQAMZENI

INGXELO ENGXAMISEKILEYO
IYA KUMAJELO ONKE OSASAZO 13 EKACANZIBE 2021 NGOLWESINE

USODOLOPHU WOMASIPALA UMZIMVUBU UNIKEZELE NGOKUSESIKWENI NGEHOLO YOLUNTU EMANGQAMZENI

Ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga kaCanzibe kwakulomnyaka umiyo, uSodolophu woMasipala wasekuhlaleni Umzimvubu unikezele ngeholo ngokusesikweni kuluntu lwakwaward 25 neyakhiwe kwilali yaseMangqamzeni KwaBhaca. Le holo ithiywe ngegqala lomzabalazo elingasekhoyo uMnu Mlungisi Ndamase, ukanti kuvakele ukuba nakubeni ikwindawo yaMangqamza kodwa kulindeleke ukuba isetyenziswe ngabahlali bakwaward 25 bephela.
Umsebenzi wokwenziwa kwaleholo uphelele uthe waxabisa imali engaphaya kwe R1, 8 yesigidi seranti ukanti amathuba engqesho athe avulwa kulwakhiwo lwayo abelishumi, oko kuqulathe amaqela akhethekileyo.

Ephawula uSodolophu walomasipala uCeba Sobane Mnukwa uthethe wathi ukubona indawo yaseMangqamzeni neziphaluka zifumana uphuhliso ngoluhlobo kuyamonwabisa, “ndisitsho nje andiqali ukuza apha kulendawo yaseMnagqamzeni, kusiliwa yaye kukubi sizamana nophuhliso lwabantu balapha. Xa ndilapha namhlanje size ngeemeko eziloluhlobo ndimana ukukhumbula amagqala afana noMLungisi Ndamase nongumntu owayefuna uphuhliso lwabantu bephela hayi olwakhe esisiqu, wayehleli engumntu osebenzela ukuba uluntu lwakowethu lukhululeke”.

Ukanti uNkosi walendawo uMntan’egazi uFaku okwangu Nandamase uvakalise wathi, “sibulela kakhulu kuMasipala ngaleholo kuba enyaniseni besiyidinga kakhulu. Eyona nto ndingayikhankanya kuqala kukuba le holo izakutshintsha ubomi babantu balewardi bephela ikakhulukazi kwicala leentlangano zoluntu nalapho besithi sixakane nento singenandawo yoneleyo nesivumelayo ukuba sinikezane izithuba nanjengoko utsho omnye wemiqathango yokuzikhusela kwiCovid,” utshilo okaNdamase ebulela.

UNkosikazi Mamtlakane Ndamase nongumlingani walowo ongasekhoyo elithe lathiywa ngaye eliholo uthethe wathi eyona nto imvuyisayo kukuba umyeni wakhe noba sele elele kodwa imisebenzi yakhe awayishiyayo kweli ingathuli yona, kwakhona uthe uyayibulela kakhulu imbeko nesithuzi athe umyeni wakhe wasinikezwa ngabahlali. Ubuelele kwakhona noMasipala njengomhlali ozakuthi naye axhamle kuleholo.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe qhakamshelana no:
Mrs Nokhanyo Zembe
HOD: Communications and SPU
Umzimvubu Local Municipality
Zembe.Nokhanyo@umzimvubu.gov.za
039 255 8508 / 072 091 3952

Copyrights All Rights Reserved. UMZIMVUBU LOCAL MUNICIPALITY.