Please wait, loading...

 

KUNIKEZELWE NGOMBANE KUMAPHANDLE AMABINI ALOMASIPALA KUWARD 20 KWAKUNYE NO 21

Ngomhla wamashumi amabini anesithathu uMasipala wasekuhlaleni uMzimvubu ekunye nenkampani yombane kazwelonke uEskom, banikezele ngonokontilaka wombane kumaphandle amabini iMajuba ephantsi kuka ward 20 kwakunye neMbizweni eku ward 21. Nalapho usodolophu okhokhele loMasipala uCllr S.K. Mnukwa ekhatshwa nguSotswebhu uCllr N.G. Mdzinwa kwakunye noPortfolio Head wecandelo lakwa Infrastructure and Planning uMnu Gcinikhaya Makhanda bavakalise iindaba zokuba iMajuba iyodwa izakuthiwa jize ngeendibaniso zombani kwimizi eyi 95 ize iMbizweni ifakelwe kwimizi eyi 52.

Usodolophu ucebise abahlali bezilali zimbini ukuba maze bayinakekele yaye bazifundise ukuphatha kakuhle nantoni na abayiphiwa ngurhulumente, esitsho esithi kuyingxaki ukwenza amatiletile bezamela abahlali baseMzimvubu suke bona batsho ukungabonakalisi umbulelo nankathalo ngokuchithachitha kwa ezi zikhona izinto.

Ukanti uSotswebhu uCllr N.G. Mdzinwa uphefumle wathi yena, “sanithembisa ukuba sizakubuya size kulendawo siwuphethe ngezandla umbane, silapha ke simele urhulumente kunjalo nje sikhokhelisa phambili ukuziswa kweenkozo ebantwini ukuze bahlale bewubona umsebenzi kaMasipala.” UMnu Gcinikhaya Makhanda nonguPortfolio Head kwicandelo lakwa Infrastructure and Planning ugqibelise ngokubeka elubala ukuba kulindeleke ukuba lomsebenzi wokufakelwa kombane kwezi wadi zimbini wenziwe ugqitywe kwinyanga kaTshazimpunzi kwakulonyaka umiyo.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe qhakamshelana no:

Mrs Nokhanyo Zembe
HOD: Communications and SPU
Umzimvubu Local Municipality
Zembe.Nokhanyo@umzimvubu.gov.za
039-255 8508/072 091 3952

Copyrights All Rights Reserved. UMZIMVUBU LOCAL MUNICIPALITY.